Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 10:12-23 Ibhayibhile (XHO96)

12. Kulo kwakukho zonke iintlobo zezidalwa ezingatyiwayo ezizitho zine, ezirhubuluzayo, nezibhabhayo.

13. Weva ilizwi lisithi kuye: “Vuka, xhela utye, Petros.”

14. Waphendula wathi: “Nkosi, ngunotshe lowo! Mna andizange ndiyitye into engatyiwayo.”

15. Laphinda ilizwi elo lavakala kuye lisithi: “Musa ukuthi ayityiwa into athi uThixo iyatyiwa.”

16. Le nto yenzeka kwada kwakathathu, laza ke ilaphu elo lanyuselwa ezulwini.

17. Ngoku asamangalisiweyo yena uPetros ukuba ngaba yintoni na intsingiselo yalo mbono, wona amadoda athunywe nguKorneli ayesede awufumana umkhondo wendlu kaSimon, selemi esangweni.

18. Abuzisa ukuba ngaba akukho mhambi ugama linguSimon Petros na apho.

19. UPetros yena wayesajika-jikana nalo mbono ukuva kwakhe uMoya oyiNgcwele esithi: “Phulaphula, nango amadoda amathathu ekufuna.

20. Phakama uye kuwo la madoda, ungathandabuzi, uhambe nawo, kuba athunywe ndim.”

21. Waya kuwo uPetros, wafika wathi: “Ndim lo nimfunayo. Ngaba nindifuna ngani?”

22. Wona aphendula athi: “Sithunywa yiNkosi yethu uKorneli, oyindoda elungileyo emhlonelayo uThixo, ehlonitshwayo nangamaJuda. Uxelelwe sisithunywa sikaThixo ukuba makakubize uye endlwini yakhe, ukuze eve loo nto uya kumxelela yona.”

23. Wangena nabo endlwini uPetros, baza balalisa apho ngaloo mini.Ngosuku olulandelayo wahamba nawo la madoda kunye namanye amakholwa aseJopa.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 10