Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 1:19-26 Ibhayibhile (XHO96)

19. Le ntlekele yaduma kulo lonke elaseJerusalem; baza bayithiya igama loo ndawo, bathi yiAkeldama ngolwini lwabo, igama elithetha umhlaba wegazi.)

20. “Kuba kaloku kwiNcwadi yeeNdumiso kubhalwe kwathiwa:“ ‘Mawube linxiwa umzi wakhe;makungahlali nabani kuwo.’“Kwakhona kuthiwa:“ ‘Masithathwe ngomnye isikhundla sakhe.’

21-22. “Ngoko ke, makubekho enye indoda ethatha indawo yakhe. Kufuneka ibe ngumntu obesoloko ekunye nathi ngalo lonke elaa xesha iNkosi yayijikeleza phakathi kwethu; umntu owayekho ukususela kanye ngelaa xesha uYohane wayebhaptiza, kude kuze kuthi gaa ngomhla wonyuko. Nguloo mntu ke onokungqina kunye nathi ngokuvuka kweNkosi yethu.”

23. Baza baphakamisa amagama amadoda amabini: uJosefu owayesaziwa ngokuba nguBharsabha, obizwa nangokuba nguYusto, kwakunye noMatiya.

24. Bathandaza ke benjenje: “Nkosi, wena uzaziyo iingcinga zeentliziyo zabantu bonke, sahlulele phakathi kwala madoda mabini, usibonise eyona uyinyulele

25. kwisikhundla sokukukhonza *ingumthunywa, eso satyeshelwa nguJudas ukuze aye kuloo ndawo imfaneleyo.”

26. Abhalwa ke la magama omabini, kwenziwa *amaqashiso, kwaphumelela elikaMatiya; waza wabalelwa ekubeni ngumthunywa kunye nabanye abalishumi elinanye.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 1