Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:4-13 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ke kaloku, kwakuba kuhlanganisene isihlwele esikhulu, kusuke abantu beelali ngeelali beza kuye, uYesu wathetha nabo ngomzekeliso, esithi:

5. “Umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe enye yawa ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zayichola-chola zayigqiba.

6. Yimbi yawa elulwalweni, yathi isantshula yatsha ngenxa yokuba umhlaba ubungafumanga.

7. Yimbi yawa phakathi kokhula, lwasuka ukhula lwakhula kunye nayo, lwayiminxa.

8. Yimbi yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yathwala isiqhamo ngokuphindwe kalikhulu.”Etshilo ke wadanduluka esithi: “Oneendlebe zokuva makeve!”

9. Ke abafundi bakaYesu bambuza besithi: “Ngaba uthetha ntoni na lo mzekeliso?”

10. Wathi ke yena: “Nikuphiwe nina okokuba nizazi iimfihlelo ezingolawulo lukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje, ukuze, njengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:“ ‘Bebona nje, bangaboni;besiva nje, bangaqondi.’”

11. “Ke kaloku lo mzekeliso uchazwa kanje: Imbewu le lilizwi likaThixo.

12. Abo bangasendleleni ngabo bevayo, aze eze umtyholi alisuse ilizwi ezintliziyweni zabo, ukuze bangakholwa basindiswe.

13. Abo ke baselulwalweni ngabathi, bakuliva ilizwi, balamkele ngovuyo, kodwa babe bengenazingcambu zendeleyo, kuba bakholwa okomzuzwana, ze bathi bakuhendwa, balahle.

funda isahluko epheleleyo Uluka 8