Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:25-32 Ibhayibhile (XHO96)

25. Waza wathi kubo: “Luphi na ukholo lwenu?”Bona ke babesoyika, bemangalisiwe, besithi omnye komnye: “He bethu, ngumntu onjani lo ude alulanyelwe ngumoya nangamanzi!”

26. Ke kaloku bahamba ngesikhitshana, baya ezweni lamaGergesa, elikhangelene nelaseGalili.

27. Kwathi uYesu akuphumela emhlabeni, wahlangatyezwa yindoda ethile yaloo dolophu, eyayiphethwe ziindimoni. Yayinexesha elide ihamba ze, ingahlali ndlwini, ihlala emangcwabeni.

28. Ithe ke, yakumbona uYesu, yakhala, yawa phambi kwakhe, isithi ngezwi elikhulu: “Ufuna ntoni kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Ndiyakubongoza ukuba ungandithuthumbisi.”

29. Yatsho kuba uYesu wayeyikhalimele indimoni ukuba iphume kuyo, kuba kwakukaninzi le ndimoni iyihlasela, ize ke igcinwe ngokubotshwa ngamatyathanga nangamakhamandela, kanti yayisuka iziqhawule izibophelelo, isiwe entlango yindimoni leyo.

30. UYesu ke wayibuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?”Yathi yona: “NdinguMkhosi,” kuba yayingenwe ziindimoni ezininzi.

31. Iindimoni ezi zazimbongoza uYesu ukuba angazigxotheli enzonzobileni.

32. Kwakukho umhlambi omkhulu weehagu usidla apho entabeni, zaza zambongoza ukuba azivumele ziye kungena kuwo. Wazivumela.

funda isahluko epheleleyo Uluka 8