Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:19-30 Ibhayibhile (XHO96)

19. Ke kaloku abantakwabo nonina kaYesu bafika, kodwa àbaba nako ukufikelela kuye ngenxa yesihlwele.

20. Waxelelwa ke kusithiwa: “Nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, befuna ukukubona.”

21. Waphendula yena wathi kubo: “Umama nabantakwethu ngâbo bathi bakuliva ilizwi likaThixo balenze.”

22. Kwathi ngamhla uthile uYesu waya kukhwela esikhitshaneni kuLwandle lwaseGalili. Babekho nabafundi bakhe, waza wathi kubo: “Masiwele siye ngaphesheya.” Banduluka ke.

23. Ekuhambeni kwabo uYesu walala ubuthongo. Kwavuka isaqhwithi elwandle, isikhitshana sazala ngamanzi, baba sengozini.

24. Baza abafundi bamvusa uYesu, besithi: “Mhlekazi, safa!”Wavuka ke uYesu, wawukhalimela umoya namaza alatyuzayo. Wadamba umoya, amaza ayeka ukulatyuza, kwabakho ukuzola.

25. Waza wathi kubo: “Luphi na ukholo lwenu?”Bona ke babesoyika, bemangalisiwe, besithi omnye komnye: “He bethu, ngumntu onjani lo ude alulanyelwe ngumoya nangamanzi!”

26. Ke kaloku bahamba ngesikhitshana, baya ezweni lamaGergesa, elikhangelene nelaseGalili.

27. Kwathi uYesu akuphumela emhlabeni, wahlangatyezwa yindoda ethile yaloo dolophu, eyayiphethwe ziindimoni. Yayinexesha elide ihamba ze, ingahlali ndlwini, ihlala emangcwabeni.

28. Ithe ke, yakumbona uYesu, yakhala, yawa phambi kwakhe, isithi ngezwi elikhulu: “Ufuna ntoni kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Ndiyakubongoza ukuba ungandithuthumbisi.”

29. Yatsho kuba uYesu wayeyikhalimele indimoni ukuba iphume kuyo, kuba kwakukaninzi le ndimoni iyihlasela, ize ke igcinwe ngokubotshwa ngamatyathanga nangamakhamandela, kanti yayisuka iziqhawule izibophelelo, isiwe entlango yindimoni leyo.

30. UYesu ke wayibuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?”Yathi yona: “NdinguMkhosi,” kuba yayingenwe ziindimoni ezininzi.

funda isahluko epheleleyo Uluka 8