Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi emva koko uYesu watyhutyha iidolophu ngeedolophu neelali ngeelali, evakalisa eshumayela iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo. Wayehamba nabafundi bakhe abalishumi elinambini.

2. Kwakukho nabafazi abathile ababephiliswe kwiindimoni nasebulwelweni. YayinguMariya ekuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iindimoni ezisixhenxe,

3. noYohana, umka-Kuza, igosa likaHerode, noSusana, kwanabanye abaninzi. Bona babelungiselela uYesu nabafundi bakhe.

4. Ke kaloku, kwakuba kuhlanganisene isihlwele esikhulu, kusuke abantu beelali ngeelali beza kuye, uYesu wathetha nabo ngomzekeliso, esithi:

5. “Umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe enye yawa ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zayichola-chola zayigqiba.

6. Yimbi yawa elulwalweni, yathi isantshula yatsha ngenxa yokuba umhlaba ubungafumanga.

7. Yimbi yawa phakathi kokhula, lwasuka ukhula lwakhula kunye nayo, lwayiminxa.

8. Yimbi yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yathwala isiqhamo ngokuphindwe kalikhulu.”Etshilo ke wadanduluka esithi: “Oneendlebe zokuva makeve!”

funda isahluko epheleleyo Uluka 8