Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 23:18-29 Ibhayibhile (XHO96)

18. Bankqangaza ke bonke besithi: “Mbulale lo, usikhululele uBharabha!”

19. UBharabha lo wayephoswe entolongweni ngenxa yesiphithi-phithi esithile esabakho esixekweni apho, kwanangokubulala.

20. Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu.

21. Kodwa bona bankqangaza besithi: “Mbethelele! Mbethelele emnqamlezweni!”

22. UPilato wathi kubo okwesithathu: “Ngoba enze bubi buni na? Andifumani tyala lingabangela ukuba afe. Ndothi ngoko ndimbethe, ndimkhulule.”

23. Bamxina ke uPilato, bekhwaza ngamandla, becela ukuba uYesu abethelelwe emnqamlezweni. Kwema ngabo ke.

24. Wasuka uPilato wagweba ngelithi masenziwe isicelo sabo.

25. Wabakhululela lowo babemcela, owayethe ngenxa yesiphithi-phithi nokubulala waphoswa entolongweni. Ke yena uYesu wanikelwa ukuba kwenziwe kuye ngokwesicelo sabo.

26. Kwemkiwa ke noYesu, aza amajoni athi xhakamfu Simon uthile waseKirene, owayevela emaphandleni, awubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.

27. Wayelandelwa yinto eninzi yabantu, kukho nabafazi ababesenza isijwili, bemlilela.

28. Ejikile ke uYesu, wabakhangela, wathi: “Zintombi zaseJerusalem, sanukundililela mna; koko zilileleni nina nabantwana benu;

29. kuba, niyabona, iyeza imihla ekuya kuthiwa ngayo: ‘Banoyolo abangazalanga, abangancancisanga mntwana.’

funda isahluko epheleleyo Uluka 23