Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 2:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ngaloo mihla kwaphuma ummiselo *kuKhesare Agasto othi lonke elimiweyo malibhalise.

2. Olu bhaliso lokuqala lwabakho uKireniyo eyirhuluneli yaseSiriya.

3. Babesithi ke bonke baye kubhalisa, elowo kweyakowabo idolophu.

4. UJosefu ke waphuma kwelaseGalili, kwidolophu iNazarete, waya kwelakwaJuda, kwidolophu kaDavide eyiBhetelehem, kuba wayengowomlibo kaDavide.

5. Wayesiya kubhalisa, enoMariya owayesendela kuye. Yena wayeselekhulelwe,

6. kwaza kwathi belapho lafika ixesha lokubeleka kwakhe.

7. Wamzala ke unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, kuba kwakungekho ndawo endlwini yabahambi.

8. Kwakukho abelusi kwakweso sithili, behlala ezindle, belinda imihlambi yabo ebusuku.

9. Babona isithunywa seNkosi simi ngakubo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke. Baza boyika kakhulu.

10. Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu.

11. Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi *onguKrestu iNkosi.

12. Nantsi into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana usana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali.”

13. Ngequbuliso kwabakho inkitha yezithunywa zezulu, ikunye nesithunywa eso, idumisa uThixo, isithi:

14. “Makadunyiswe uThixo kweliphezulu,kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.”

15. Zakuba zimkile izithunywa, zisiya ezulwini, abelusi abo bathi omnye komnye: “Masihambe siye eBhetelehem, siyibone le nto ihlileyo, le siyazisiweyo yiNkosi.”

funda isahluko epheleleyo Uluka 2