Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 14:29-35 Ibhayibhile (XHO96)

29. Kungenjalo, kunokuthi selesenzile isiseko, angabi nako ukugqiba, baze bonke ababonelayo bahlekise ngaye,

30. besithi: ‘Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa kukugqiba.’

31. “Kananjalo nguwuphi na ukumkani onokuthi esiya kuqubisana nomnye emfazweni, angàthi nqumama, abhunge kuqala ukuba unako na ukumelana notshaba olumkhawulelayo lungamashumi amabini amawaka lona, enashumi linye lamawaka amajoni kuphela nje yena?

32. Ukuba ke akanako, uthi esekude omnye ukumkani, athumele izigidimi, acele imiqathango yoxolo.

33. Ngokukwanjalo ke, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke izinto anazo, akanakuba ngumfundi wam.”

34. “Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo noyithini na ukuyibuyisela isongo?

35. Ayiwulungelanga umhlaba, ingawulungelanga nomgquba. Iyalahlwa. Oneendlebe zokuva makeve.”

funda isahluko epheleleyo Uluka 14