“Kananjalo nguwuphi na ukumkani onokuthi esiya kuqubisana nomnye emfazweni, angàthi nqumama, abhunge kuqala ukuba unako na ukumelana notshaba olumkhawulelayo lungamashumi amabini amawaka lona, enashumi linye lamawaka amajoni kuphela nje yena?