Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 14:27-33 Ibhayibhile (XHO96)

27. Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe andilandele, akanakuba ngumfundi wam.

28. “Kaloku nguwuphi na kuni othi, efuna ukwakha inqaba, angàthi kuqala ahlale phantsi, abale indleko, ethelekelela ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?

29. Kungenjalo, kunokuthi selesenzile isiseko, angabi nako ukugqiba, baze bonke ababonelayo bahlekise ngaye,

30. besithi: ‘Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa kukugqiba.’

31. “Kananjalo nguwuphi na ukumkani onokuthi esiya kuqubisana nomnye emfazweni, angàthi nqumama, abhunge kuqala ukuba unako na ukumelana notshaba olumkhawulelayo lungamashumi amabini amawaka lona, enashumi linye lamawaka amajoni kuphela nje yena?

32. Ukuba ke akanako, uthi esekude omnye ukumkani, athumele izigidimi, acele imiqathango yoxolo.

33. Ngokukwanjalo ke, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke izinto anazo, akanakuba ngumfundi wam.”

funda isahluko epheleleyo Uluka 14