Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 12:28-44 Ibhayibhile (XHO96)

28. Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca, yona isendle namhlanje, ize ngomso iphoswe eziko, wobeka phi na ukunambesa nina, bantundini balukholo luncinane!

29. Nize ke ningaxhalabi nifuna ukuba ningatya ntoni na, nisele ntoni na!

30. Ngabangakholwayo abahlala besukelana nazo zonke ezi zinto. Ke nina ninoYihlo owaziyo xa niziswele.

31. Zondelelani ukulawulwa nguye; zothi ke zonke ezo zinto zongezelelwe kuni.”

32. “Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.

33. Thengisani ngeninako, niphe amahlwempu. Zenzeleni izipaji ezingagugiyo, nibulondoloze ezulwini ubutyebi benu, apho bungapheliyo, kungasondeli sela, kungonakalisi nanundu.

34. Kaloku apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho kwanentliziyo yenu.”

35. “Hlalani niphaphile, nifinyezile, nezibane zenu zivutha,

36. ninjengabantu abalindele ukubuya kwenkosi yabo emtshatweni, abothi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwangoko.

37. Zinoyolo ezo zicaka eyothi yakufika inkosi yazo, izifumane zilindile. Ndithi kuni, inene, loo nkosi iya kubhinqa, izihlalise phantsi ezo zicaka, ize isondele izilungiselele.

38. Nokuba ke ithe yafika ezinzulwini zobusuku, okanye ekuzeni kokusa, yazifumana zilindile, zinoyolo ezo zicaka.

39. Kakade ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela lofika nini na, ebeya kulinda, angayiyekeli indlu yakhe iqhekezwe.

40. Nani ke ngoko hlalani niphaphile, kuba uNyana woLuntu woza ngexesha eningamlindelanga ngalo.”

41. Ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, ngaba lo mzekeliso uwuthetha kuthi, okanye uwuthetha kubo bonke abantu?”

42. INkosi yathi: “Ngubani na osisicaka esithembekileyo nesiqondayo, eyothi inkosi yaso isimisele phezu kwabendlu yayo, ukuze sibanike umxhesho wabo ngexesha elililo?

43. Sinoyolo eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika, isifumane sisenjenjalo.

44. Ndithi kuni, inene, inkosi yothi eso sicaka isimise phezu kwayo yonke impahla yayo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 12