Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 12:25-29 Ibhayibhile (XHO96)

25. Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala ongeze nentwana le ebudeni bobomi bakhe?

26. Ukuba ke aninako ukwenza neyona nto incinane, kungani na ukuba nizixhalele ezinye?

27. Qondani ngeenyibiba ukukhula kwazo. Azisebenzi, zingaluki nokuluka oku, kanti ngenene naye uSolomon kubo bonke ubunewu-newu bakhe wayengavathiswanga nanjenganye kuzo.

28. Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca, yona isendle namhlanje, ize ngomso iphoswe eziko, wobeka phi na ukunambesa nina, bantundini balukholo luncinane!

29. Nize ke ningaxhalabi nifuna ukuba ningatya ntoni na, nisele ntoni na!

funda isahluko epheleleyo Uluka 12