Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 12:21-36 Ibhayibhile (XHO96)

21. Únjalo ke lowo uziqwebela ubutyebi, kodwa engenabutyebi kuThixo.”

22. Waza ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kungoko ndithi kuni: musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na.

23. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo.

24. Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!

25. Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala ongeze nentwana le ebudeni bobomi bakhe?

26. Ukuba ke aninako ukwenza neyona nto incinane, kungani na ukuba nizixhalele ezinye?

27. Qondani ngeenyibiba ukukhula kwazo. Azisebenzi, zingaluki nokuluka oku, kanti ngenene naye uSolomon kubo bonke ubunewu-newu bakhe wayengavathiswanga nanjenganye kuzo.

28. Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca, yona isendle namhlanje, ize ngomso iphoswe eziko, wobeka phi na ukunambesa nina, bantundini balukholo luncinane!

29. Nize ke ningaxhalabi nifuna ukuba ningatya ntoni na, nisele ntoni na!

30. Ngabangakholwayo abahlala besukelana nazo zonke ezi zinto. Ke nina ninoYihlo owaziyo xa niziswele.

31. Zondelelani ukulawulwa nguye; zothi ke zonke ezo zinto zongezelelwe kuni.”

32. “Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.

33. Thengisani ngeninako, niphe amahlwempu. Zenzeleni izipaji ezingagugiyo, nibulondoloze ezulwini ubutyebi benu, apho bungapheliyo, kungasondeli sela, kungonakalisi nanundu.

34. Kaloku apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho kwanentliziyo yenu.”

35. “Hlalani niphaphile, nifinyezile, nezibane zenu zivutha,

36. ninjengabantu abalindele ukubuya kwenkosi yabo emtshatweni, abothi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwangoko.

funda isahluko epheleleyo Uluka 12