Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 1:37-48 Ibhayibhile (XHO96)

37. Kaloku akukho nanye into enokumnqabela uThixo.”

38. Wathi ke uMariya: “Ndim lo mna mkhonzazana weNkosi. Makwenzeke kum ngokwamazwi akho.” Saza semka isithunywa kuye.

39. Ngaloo mihla wesuka uMariya, wasinga kweleentaba ngokukhawuleza, esiya edolophini yakwaJuda;

40. waya kungena endlwini kaZakariya, wafika wambulisa uElizabhete.

41. Kwathi akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe. Wafikelwa ke nguMoya oyiNgcwele uElizabhete,

42. wadanduluka ekhwaza esithi: “Ungoyena usikelelweyo wena phakathi kwabafazi! Nomntwana oya kuzalwa nguwe usikelelwe!

43. Bendiyintoni na kakade, ukuba ndide ndihanjelwe ngunina weNkosi yam?

44. Yaz' ukuba, kuthe ndakuwuva umbuliso wakho, lwasuka usana lwaxhuma luvuyo esiswini sam.

45. Unoyolo lowo ukholiweyo, kuba ilizwi elithunyelwe kuye yiNkosi liya kuzaliseka.”

46. Wavakala uMariya esithi:“Umphefumlo wam uyayibonga iNkosi;

47. ndaye ndigcobile ngoThixo uMsindisi wam;

48. kuba wakuphawula ukuthobeka kwesicakazana sakhe.Ewe, ukususela ngoku zonke izizukulwana zothi ndingonoyolo,

funda isahluko epheleleyo Uluka 1