Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 9:11-12-24 Ibhayibhile (XHO96)

11-12. Kwathi abantwana bengekazalwa, bengekenzi nto, nokuba yelungileyo, nokuba yembi, uThixo wathi kuRabheka: “Omdala uya kuba ngumkhonzi womncinci.” Kaloku unyulo lukaThixo lusekelwe kubizo lwakhe, kungekuko nakuyiphi na into eyenziwa ngumntu;

13. njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Ndamthanda uYakobi, ndamthiya yena uEsawu.”

14. Síthini ke ngoko? Ngaba sinokuthi uThixo akanabulungisa? Nakanye!

15. Kaloku wathi kuMosis: “Ndiya kuba nenceba kulowo ndinenceba kuye, ndibe netarhu kulowo ndinetarhu kuye.”

16. Ke ukunyulwa komntu akuxhomekekanga ekuzithandeleni komntu, okanye ekwenzeni kwakhe, koko kuxhomekeke kwinceba kaThixo.

17. Kaloku iziBhalo zithi kukumkani waseJiputa: “Ndakuphakamisa ukuze ndiwabonakalise ngawe amandla am, ize negama lam lidume, linwenwe kulo lonke ihlabathi.”

18. Ngoko ke uThixo unenceba kulowo athanda ukumenzela inceba, aze ayenze lukhuni intliziyo yalowo athanda ukuyenza lukhuni.

19. Omnye kuni usenokuthi kum: “Ukuba ke kunjalo angathini na uThixo ukumsola umntu; kungekho bani nje unokumelana nentando kaThixo?”

20. Mntundini, kuxa ungubani wena ukuba ungade uphendulane noThixo? Into ebunjiweyo ingátsho njani kumbumbi wayo ukuthi: “Yini na ukuba undenjenje ukundibumba?”

21. Akanalo kakade umbumbi ilungelo lokuthi ngamdongwe mnye enze ingqayi exabisekileyo kwanengaxabisekanga?

22. Kukwanjalo ke nangokubhekiselele kwizinto ezenziwe nguThixo. Kaloku wayefuna ukubonakalisa ingqumbo yakhe nokwazisa ubungangamsha bakhe. Ngoko ke wabanyamezela ngomonde abo wayebaqumbele, ababemelwe kukutshatyalaliswa.

23. Wayefuna nokubonakalisa ubuhle besihomo nesithozela sakhe kwabo abenzela inceba, abo abenza bafanele ukuthiwa jize ngewonga.

24. Síthí ke abo uThixo wababizayo, singemaJuda kuphela, sikwakunye nabezinye iintlanga ngokunjalo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 9