Kukwanjalo ke nangokubhekiselele kwizinto ezenziwe nguThixo. Kaloku wayefuna ukubonakalisa ingqumbo yakhe nokwazisa ubungangamsha bakhe. Ngoko ke wabanyamezela ngomonde abo wayebaqumbele, ababemelwe kukutshatyalaliswa.