Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 8:31-39 Ibhayibhile (XHO96)

31. Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa?

32. Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto?

33. Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo?

34. Ngubani onokubagweba, ethe wafa nje uKrestu, wathi ngaphezu koko wabuya wavuka, waza waya kuhlala ewongeni kwaThixo, apho asithethelela khona?

35. Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?

36. Kunjengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Ngenxa yakho sisesichengeni sokubulawa;yiyo loo nto sesifana neegusha eziya kuxhelwa nje.”

37. Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo.

38. Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla,

39. nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 8