Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 8:24-33 Ibhayibhile (XHO96)

24. Okunene naxa sisindisiwe nje, sisesethembeni. Ukuba ke siyayibona into esithembe ukuyifumana, asilothemba elo. Kaloku akukho mntu uthemba ukufumana into aseleyifumene.

25. Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.

26. Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.

27. Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo.

28. Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.

29. Kaloku abo wayeselebazi kwangaphambili, wabamisela ukuba babe ngumfanekiso woNyana wakhe, ukuze uNyana wakhe abe ngowamazibulo kusapho olukhulu.

30. Abo ke uThixo wabamiselayo kwangaphambili, wababiza kananjalo. Abo wababizayo, wabenza amalungisa. Abo wabenza amalungisa, wabanika iwonga.

31. Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa?

32. Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto?

33. Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo?

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 8