Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 7:2-19 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kaloku umfazi owendileyo ubotshelelwe ngumthetho endodeni yakhe, eli lixa idla ubomi; kodwa ukuba ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophelela endodeni yakhe.

3. Ngoko ke, ukuba umfazi uthe waba ngowenye indoda isaphila indoda yakhe, kothiwa ungumkrexezi. Kodwa ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile emthethweni, aze angabi ngumkrexezi ukuba uthe waba ngowenye indoda.

4. Kukwanjalo ke nakuni, mawethu. Ngokumanywa nomzimba kaKrestu nani nafa ngokubhekiselele kumthetho kaMosis, ukuze nibe ngabomnye, ongulo Krestu ke owavuswa kwabafileyo. Le nto ke ibanga ukuba sibe nokumsebenzela uThixo.

5. Kaloku ngokuya sasisidla ubomi, ngokweyethu intando, iinkanuko ezimbi ezivuselelwa ngumthetho zazilawula emizimbeni yethu, sisebenzela ukufa.

6. Ke, ekubeni safayo nje ngokubhekiselele kwezo zinto zazisilawula, sikhululekile ngoku emthethweni. Ngenxa yoko asisakhonzi ngendlela endala yomthetho obhaliweyo, kodwa sikhonza ngendlela entsha yoMoya.

7. Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...”

8. Isono ke sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandivusela yonke inkanuko. Kaloku xa kungekho mthetho, isono sifile.

9. Mna ke bendifudula ndiphila ungekho umthetho. Uthe ke wakufika umthetho, savuka isono,

10. ndafa ke mna; waza umthetho owawumiselwe ukuzisa ubomi, wafumaneka inguwona undisa ekufeni.

11. Kuba kaloku isono sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandilukuhla, sandibulala ngawo.

12. Okunene umthetho ungcwele; nomyalelo ungcwele, unobulungisa, ulungile.

13. Umthetho ulungile nje, ungaba kukufa kum? Nakanye! Sisono esaba kukufa kum. Sona sisebenzise into elungileyo ukundizisela ukufa, saza ke sacaca into esiyiyo, khon' ukuze ngomthetho isono sibonakale sisisono ngakumbi nangakumbi.

14. Siyazi ke ukuba umthetho ngowoMoya kaThixo, kodwa mna ndiyinyama negazi; ndiphantsi kwegunya lesono.

15. Into endiyenzayo yinkohla kum, kuba kaloku into endithanda ukuyenza andiyenzi, ukanti ndiyayenza endiyithiyileyo.

16. Xa ke ndisenza into endiyithiyileyo, kucacile ukuba ndiyavuma ukuthi umthetho ulungile.

17. Ngoko ke ayisendim owenza loo nto ndingayithandiyo, koko sisono esihleli kum esenza loo nto.

18. Ndiyazi ukuba akuhlali nto ilungileyo kum – nditsho kwisimo sam esonakeleyo – kuba kaloku umnqweno wokwenza into elungileyo ukho kum, kodwa ukwenza andinako.

19. Into elungileyo endithanda ukuyenza, andiyenzi; kodwa into embi endingathandi kuyenza, ndiyayenza.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 7