Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 3:5-15 Ibhayibhile (XHO96)

5. Xa ukungalungisi kwethu kucacisa ukulungisa kukaThixo, siya kuthini ke? Ngaba sinokuthi akalungisi uThixo xa abonakalisa umsindo wakhe, ngabula thina bantu?

6. Nakanye! Ukuba ebengelolungisa uThixo, ebengaligweba njani ihlabathi?

7. Ukuba ke ngokuxoka kwam inyaniso kaThixo idandalaza ngakumbi ukuze sicace isidima sakhe, ndisagwetyelwani na ke ngokomoni?

8. Yini na ke ukuba singabi sesisithi: “Masenze okubi, ukuze kuvele okulungileyo”? Kakade abathile bandinyelisa besithi nditsho! Abo batshoyo baya kugwetywa ngokubafaneleyo!

9. Ke, ngaba thina maJuda silungile na kunabanye? Hayi, nakanye! Kaloku sendiwatyholile amaJuda kwanabezinye iintlanga ndisithi basesonweni bebonke,

10. njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Akukho namnye ulilungisa;

11. akukho mntu uqondayo;akukho umfunayo uThixo!

12. Bonke bamfulathele;akukho yabo xa bebonke.Akukho wenza okulungileyo;hayi namnye!

13. Yinto ebolileyo intetho yabo;ngeelwimi zabo bahlala bekhohlisa.Amazwi emilebe yabo abubuhlungu benyoka;

14. umlomo wabo uzele zizishwabulo ezikrakra.

15. Bakungxamele ukuphalaza igazi;

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 3