Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 3:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ungcono ngani na ke umJuda? Lunceda ntoni ke lona ulwaluko lwakhe?

2. Lulunge kakhulu, ngeendlela zonke. Okokuqala uThixo ugcinise udaba lwakhe kuwo amaJuda.

3. Kuya kuthini ke ukuba athile kuwo akakholwanga? Ngaba uThixo uya kuthi ngokungathembeki kwawo angathembeki naye?

4. Nakanye! UThixo yena uhlala enyanisekile, nangona bangade bonke abantu babe ngamaxoki, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Umelwe kukubonakala ngamazwi akho ukuba uthembekile,woyise ekuthethweni kwetyala lakho.”

5. Xa ukungalungisi kwethu kucacisa ukulungisa kukaThixo, siya kuthini ke? Ngaba sinokuthi akalungisi uThixo xa abonakalisa umsindo wakhe, ngabula thina bantu?

6. Nakanye! Ukuba ebengelolungisa uThixo, ebengaligweba njani ihlabathi?

7. Ukuba ke ngokuxoka kwam inyaniso kaThixo idandalaza ngakumbi ukuze sicace isidima sakhe, ndisagwetyelwani na ke ngokomoni?

8. Yini na ke ukuba singabi sesisithi: “Masenze okubi, ukuze kuvele okulungileyo”? Kakade abathile bandinyelisa besithi nditsho! Abo batshoyo baya kugwetywa ngokubafaneleyo!

9. Ke, ngaba thina maJuda silungile na kunabanye? Hayi, nakanye! Kaloku sendiwatyholile amaJuda kwanabezinye iintlanga ndisithi basesonweni bebonke,

10. njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi:“Akukho namnye ulilungisa;

11. akukho mntu uqondayo;akukho umfunayo uThixo!

12. Bonke bamfulathele;akukho yabo xa bebonke.Akukho wenza okulungileyo;hayi namnye!

13. Yinto ebolileyo intetho yabo;ngeelwimi zabo bahlala bekhohlisa.Amazwi emilebe yabo abubuhlungu benyoka;

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 3