Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 2:23-29 Ibhayibhile (XHO96)

23. Wena ke uziqhayisayo ngokuba unomthetho, umhlaziselani uThixo ngokuwaphula umthetho?

24. “Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kweentlanga,” njengoko zitshoyo *iziBhalo.

25. Ulwaluko luyanceda okunene ukuba uyawugcina umthetho kaMosis. Kodwa ukuba uyawaphula umthetho, ulwaluko lusuka lufane nokungaluki.

26. Ukuba umntu ongalukanga uyayigcina imimiselo yomthetho, uThixo uya kuthi ukungaluki kwakhe kukwaluka.

27. Nina maJuda, nangona nalukileyo, ninawo umthetho eziBhalweni, nibe noko ningawenzi, niya kugwetywa ziintlanga ezithe zingalukanga nje zawugcina umthetho.

28. UmJuda asingomJuda ngokwangaphandle, nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni.

29. UmJuda ngulowo ungumJuda ngokwangaphakathi, nolwaluko lolwentliziyo ngoMoya kaThixo, kungabi ngammiselo nje. Umntu onjalo ke ukholekile kuThixo, nangona angànconywayo ngabantu.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 2