Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 14:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. Lowo utya konke makangamdeli ozila ukutya okuthile, nalowo uzila ukutya okuthile makangamgwebi otya konke, kuba uThixo umamkele.

4. Yini na wena ukuba usigwebe isicaka somnye? Kaloku siya kugwetywa yinkosi yaso. Kanti notyayo akayi konakalelwa nto, kuba iNkosi inako ukumgcina.

5. Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.

6. Lowo ke ugcina umhla othile, uwugcinela iNkosi. Lowo utya nakuphi na ukutya, esitya nje, uzinikela eNkosini, kuba ubulela uThixo. Nalowo ungatyi konke ukutya, engatyi nje, uzinikela eNkosini, kuba naye ubulela uThixo.

7. Akukho namnye kuthi uziphilelayo, kananjalo akukho namnye uzifelayo.

8. Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi.

9. Kuba kaloku uKrestu wafa, wabuya wadla ubomi, ngenjongo yokuba abe yiNkosi yabafileyo nabaphilayo.

10. Wena ke, yini ukuba umgwebe uwenu? Ke wena, yini na ukuba umdele uwenu? Kaloku sonke siya kuma enkundleni kaThixo,

11. kuba *iziBhalo zithi:“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,zimdumise uThixo zonke iilwimi.”

12. Ngoko ke sonke ngabanye siya kunika ingxelo phambi koThixo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 14