Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabaseroma 14:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe.

2. Omnye ukholo lwakhe lumvumela ukuba atye nakuphi na ukutya, kodwa yena okholo lubuthathaka utya imifuno kuphela.

3. Lowo utya konke makangamdeli ozila ukutya okuthile, nalowo uzila ukutya okuthile makangamgwebi otya konke, kuba uThixo umamkele.

4. Yini na wena ukuba usigwebe isicaka somnye? Kaloku siya kugwetywa yinkosi yaso. Kanti notyayo akayi konakalelwa nto, kuba iNkosi inako ukumgcina.

5. Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.

6. Lowo ke ugcina umhla othile, uwugcinela iNkosi. Lowo utya nakuphi na ukutya, esitya nje, uzinikela eNkosini, kuba ubulela uThixo. Nalowo ungatyi konke ukutya, engatyi nje, uzinikela eNkosini, kuba naye ubulela uThixo.

funda isahluko epheleleyo Kwabaseroma 14