Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 6:20-24 Ibhayibhile (XHO96)

20. Mna ndingunozakuzaku obanjiweyo ngenxa yazo. Ndithandazeleni ukuze ndithethe ngesibindi, njengoko kufuneka ndenjenjalo kakade.

21. Njengoko kuyimfanelo ukuba nive ngemeko nempilo yam, uTikiko uya kunazisa ngazo zonke ezo ndaba. Yena nguwethu othandekayo, isicaka esithembekileyo emsebenzini weNkosi.

22. Yiyo ke le nto ndimthuma kuni: ndenzele ukuba anazise ngayo yonke imeko yam, anivuselele.

23. Wanga uThixo uYise neNkosi uYesu Krestu angawapha uxolo nothando nokholo onke amawethu.

24. Lwanga ubabalo lukaThixo lungahlala kubo bonke abayithanda ngothando olungatshitshiyo iNkosi uYesu Krestu.

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 6