Testamente Endala

Testamente Entsha

Kwabase-Efese 5:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena.

2. Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.

3. Nanjengoko nilusapho lukaThixo, makungakhankanywa phakathi kwenu ukurheletya nako konke ukungcola nokunyoluka.

4. Izinto ezinjengokuthetha krwada, nokulavuza, neentetho ezingcolileyo, azinto zinifaneleyo konke. Nifanelwe kukuhlala nibulela uThixo nina endaweni yezi zinto.

5. Yiqondeni kakuhle into yokuba akukho mntu urheletyayo, nongcolileyo, nosisinyolunyolu, uya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguKrestu nanguThixo. Kaloku ukunyoluka yenye indlela yokunqula izithixo.

6. Ningavumeli bani anikhohlise ngentetho ephuthileyo. Zizinto ezinjalo kanye eziza nengqumbo kaThixo kwabo bangamthobeliyo.

7. Nina ke ningazibandakanyi nabantu abanjalo.

8. Nani benifudula nihleli ebumnyameni. Nithe ke nakuba ngamaKrestu, nasekukhanyeni. Ngoko ke ziphatheni ngokwabantu abaqheleneyo nokukhanya.

9. Kaloku apho kukhoyo ukukhanya, kulapho kuntshula khona konke ukulunga, nabo bonke ubulungisa, nenyaniso.

10. Zamani ukukuqonda ukuthanda kweNkosi;

11. ningazibandakanyi nezinto zobumnyama eziphuthileyo ezenziwa ngabantu. Ndaweni yaloo nto zibhenceni ekukhanyeni ezo zinto, zibonakale icace into eziyiyo.

12. Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese.

13. Kodwa ke xa zisekukhanyeni zonke izinto, ziyacaca into eziyiyo;

14. kuba kaloku yonke into ecacileyo isekukhanyeni. Yiyo le nto kuthiwa:“Phaphama, thongorhandini, uvuke ekufeni;uKrestu wokukhanyisela.”

funda isahluko epheleleyo Kwabase-Efese 5