Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 13:1-17 Ibhayibhile (XHO96)

1. Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo.

2. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi.

3. Wacingeni amabanjwa njengokungathi nani nibanjwe kunye nawo. Bacingeni nabo baphethwe kakubi ngokungathi nini abo banjalo.

4. Umtshato uxabisekile; mawuxatyiswe nguye wonke ubani. Amadoda nabafazi mabanyaniseke omnye komnye, bangasixabheli isilili sabo. Ingqumbo kaThixo ijinga phezu kwabo bakrexezayo kwakunye nabo barheletyayo.

5. Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”

6. Masitsho singenadyudyu ke sithi:“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!Angandenza ntoni umntu?”

7. Khumbulani iinkokheli zenu zamandulo, ezanixelela ngodaba lukaThixo. Cingani ngobomi bazo nempumelelo yemigudu yazo, nilinganise ukholo lwazo.

8. UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.

9. Nize ningakhukuliswa enyanisweni ziimfundiso ezingabhadlanga. Kulungile ukuba somelezwe lubabalo lukaThixo, yaye imithetho ngezinto emazityiwe nemazingatyiwa ayincedi nto, ayizange ibancede nabo bayigcinayo.

10. Elethu iqonga lamadini linjengeliya ababingeleli bonqulo lwamaSirayeli babengenalungelo lakutya kulo.

11. Njengoko nisazi, umbingeleli omkhulu ubengena negazi leenkomo neleebhokhwe kweyona ingcwele indawo, aze angxengxezele izono ngelo gazi. Kodwa inyama yazo yona ibitshiselwa ngaphandle.

12. UYesu ke naye wafela ngaphandle kwamasango edolophu, khon' ukuze abangcwalise abantu ngegazi lakhe.

13. Nathi ke ngoko masiye kuye ngaphandle, silixhamle ihlazo lakhe.

14. Kaloku apha asinakhaya lisisigxina, koko sinxubele elizayo.

15. Ngawo onke amaxesha masenze umbongo kuThixo, ube lidini esilinikela kuye ngoYesu, silivuma ngomlomo wethu igama lakhe.

16. Masingaze siyeke ukwenzelana ububele, kuba leyo yeyona minikelo imkholisayo uThixo.

17. Zithobeleni iinkokheli zenu, nizihloniphe, kuba azilali lixhala ngenxa yenu. Kaloku kufuneka zenze ingxelo yomsebenzi wazo kuThixo. Ke ukuba niyazihlonela, woba khaphukhaphu umsebenzi wazo. Kanti ungaba nzima, ningancedeki nani, ukuba anizihloneli.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 13