Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 12:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kaloku besifudula sinabo ootata apha emhlabeni, besiqeqesha, kodwa sibahlonipha. Kuyimfuneko ngakumbi ke ukuba simhloniphe ngentobeko lowo ungutata wethu ngokoMoya, khon' ukuze siphile.

10. Ootata bethu bona babesiqeqesha kangangoko, kodwa lilifutshane ixesha labo. Kambe ke yena uThixo, esiqeqesha nje, usilungiselela ukuba sibuxhamle ubungcwele bakhe.

11. Kambe ke, xa sisephantsi kwayo, ingqeqesho ayivakali iluyolo, koko ibuhlungu; kodwa ke abo bayinyamezelayo baba nobomi obusulungekileyo obuyondeleleneyo.

12. Ngoko ke dlamkani, zihlaziyeke iingalo ezinomkhinkqi namadolo anengevane.

13. Imizila yendlela yenu mayingabi goso, ukuze oqhwalelayo angenzakali, koko anyangeke.

14. Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.

15. Lumkani kungabikho mntu uphulukana nalo ubabalo lukaThixo. Makungakhuli ngcambu yabubi inokuthi ibe yityhefu kwabaninzi.

16. Lumkani kungathi kanti kukho umntu olihilihili, okanye ophandl' apha njengoEsawu. Kaloku yena waphulukana nobuzibulo bakhe ngenxa yokutya.

17. Kananjalo niyazi ukuba kamva wathi efuna ukuyibanga intsikelelo akamkeleka. Ewe, wayeyifuna nangeenyembezi, kodwa akayizuzanga, kuba akazange alifumane ithuba lokuguquka.

18. Kambe nina anijongananga nanto iphathekayo njengamaSirayeli entabeni yeSinayi, eyayidangazela umlilo, inobumnyama obuzala isithokothoko, inoqhwithela,

19. nenzwinini yexilongo, nokuzongoma kwelizwi elabatsho bonke abalivayo bathi makungabi saphindwa kuthethwe nabo.

20. Kaloku barhwaqeliswa ngumyalelo othi: “Nesilwanyana esithe sasondela apho entabeni masikhandwe ngamatye sife.”

21. Lo mbono wawusoyikeka kangangokuba uMosis wavakala esithi: “Andoyiki ndiyagubha!”

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 12