Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 12:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele.

2. Amehlo ethu makathi ntsho kuYesu; kaloku síxhomekeke kuye isiqalo ndawonye nekamva lokholo lwethu. Ewe kaloku, yena wathi, ngenxa yenyhweba eyayimlindele, wawunyamezela umnqamlezo, walidela nehlazo lawo; kungokunje uhleli ewongeni kwibhotwe likaThixo.

3. Ngenene mkhumbuleni yena, kuba wamelana nayo yonke inkcaso yaboni. Xa nisenjenjalo ke niya kukhuthala ningatyhafi.

4. Kuba kaloku kulo mzabalazo wokulwa isono anikazingisi kude kuphalale igazi.

5. Ngaba seniyilibele na indlela anikhuthaza ngayo uThixo ngokoonyana, esithi:“Nyana wam, sukuyidela ingqeqesho yeNkosi;futhi sukutyhafa yakukululeka.

6. Kuba iNkosi iyabaqeqesha abo ibathandayo,ize imohlwaye unyana owamkelekileyo kuyo.”

7. Bunyamezeleni ubunzima, kuba yingqeqesho. Kaloku uThixo uniphethe njengoonyana bakhe. Nakha nambona phi unyana ongaqeqeshwayo nguYise?

8. Ukuba ngaba aniqeqeshwa njengabo bonke oonyana, loo nto iya kuthetha ukuba aningabo oonyana ngenene, koko niyimigqakhwe.

9. Kaloku besifudula sinabo ootata apha emhlabeni, besiqeqesha, kodwa sibahlonipha. Kuyimfuneko ngakumbi ke ukuba simhloniphe ngentobeko lowo ungutata wethu ngokoMoya, khon' ukuze siphile.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 12