Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 12:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele.

2. Amehlo ethu makathi ntsho kuYesu; kaloku síxhomekeke kuye isiqalo ndawonye nekamva lokholo lwethu. Ewe kaloku, yena wathi, ngenxa yenyhweba eyayimlindele, wawunyamezela umnqamlezo, walidela nehlazo lawo; kungokunje uhleli ewongeni kwibhotwe likaThixo.

3. Ngenene mkhumbuleni yena, kuba wamelana nayo yonke inkcaso yaboni. Xa nisenjenjalo ke niya kukhuthala ningatyhafi.

4. Kuba kaloku kulo mzabalazo wokulwa isono anikazingisi kude kuphalale igazi.

5. Ngaba seniyilibele na indlela anikhuthaza ngayo uThixo ngokoonyana, esithi:“Nyana wam, sukuyidela ingqeqesho yeNkosi;futhi sukutyhafa yakukululeka.

6. Kuba iNkosi iyabaqeqesha abo ibathandayo,ize imohlwaye unyana owamkelekileyo kuyo.”

7. Bunyamezeleni ubunzima, kuba yingqeqesho. Kaloku uThixo uniphethe njengoonyana bakhe. Nakha nambona phi unyana ongaqeqeshwayo nguYise?

8. Ukuba ngaba aniqeqeshwa njengabo bonke oonyana, loo nto iya kuthetha ukuba aningabo oonyana ngenene, koko niyimigqakhwe.

9. Kaloku besifudula sinabo ootata apha emhlabeni, besiqeqesha, kodwa sibahlonipha. Kuyimfuneko ngakumbi ke ukuba simhloniphe ngentobeko lowo ungutata wethu ngokoMoya, khon' ukuze siphile.

10. Ootata bethu bona babesiqeqesha kangangoko, kodwa lilifutshane ixesha labo. Kambe ke yena uThixo, esiqeqesha nje, usilungiselela ukuba sibuxhamle ubungcwele bakhe.

11. Kambe ke, xa sisephantsi kwayo, ingqeqesho ayivakali iluyolo, koko ibuhlungu; kodwa ke abo bayinyamezelayo baba nobomi obusulungekileyo obuyondeleleneyo.

12. Ngoko ke dlamkani, zihlaziyeke iingalo ezinomkhinkqi namadolo anengevane.

13. Imizila yendlela yenu mayingabi goso, ukuze oqhwalelayo angenzakali, koko anyangeke.

14. Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 12