Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 10:14-32 Ibhayibhile (XHO96)

14. Kaloku yena ubenze bahlala besulungekile ngomnikelo omnye qha abo banyuliweyo.

15. UMoya oyiNgcwele ungqina athi kuqala:

16. “ ‘Nangu umnqophiso endiya kuwenza nabo emva kwaloo mihla,’ itsho iNkosi:‘Ndiya kuyifaka ezintliziyweni zabo imithetho yam,ndiyishicilele ezingqondweni zabo imiyalelo yam.’ ”

17. “Uphinda athi:“Izono zabo, ngokunjalo nenkohlakalo yabo, ndiya kuyilibala.”

18. Zakuba zixolelwe ke izono akusafuneki minikelo ngenxa yazo.

19. Ngoko ke, mawethu, igazi likaYesu lisikhulule ukuze singene kweyona ndawo ingcwele singenaloyiko.

20. Le ndlela asivulele yona intsha, futhi iyaphila, ihamba iphumele ngaphaya kwekhuselo, ndithetha umzimba wakhe.

21. Ngaphezu koko ke sinombingeleli omkhulu owongamele indlu kaThixo.

22. Ngoko ke masisondele sinyanisekile kuThixo, siqinisekile ngokholo, izazela zethu ezinobutyala zihlanjululwe, ngokunjalo nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi amsulwa.

23. Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.

24. Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle.

25. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.

26. Kaloku xa singayeki ukona ngabom nangoku sesiyazi inyaniso, akusekho dini lingázisusayo izono zethu.

27. Into elindelekileyo ngumgwebo orhwaqelisayo nomlilo olenyayo oza kutshabalalisa abo bamchasayo uThixo.

28. Umntu owaphule umthetho kaMosis akenzelwa nceba, koko uyabulawa, akuba egwetywe ngobungqina babantu ababini okanye abathathu.

29. Ke, nicinga ukuba wothiwani umntu odela uNyana kaThixo, umntu olenza into engento igazi lomnqophiso ahlanjwe lilo? Ewe, lowo ungcikiva uMoya wesisa! Ngokuqinisekileyo umntu onjalo ufanelwe sisohlwayo esingqongqo.

30. Kaloku siyamazi lowo wathi:“Impindezelo yeyam;ndim oya kubuyekeza.”Kwakhona uphinda athi:“INkosi iya kubagweba abantu bayo.”

31. Kambe ke yinto eyoyikekayo ukugwetywa nguThixo ophilayo!

32. Ngoko ke yikhumbuleni imihla eyadlulayo. Kaloku nathi nakuvelelwa ngumsobomvu kaThixo nangena ebunzimeni obukhulu, phofu ke nalapho nazabalaza kwâkuko.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 10