Testamente Endala

Testamente Entsha

Kumahebhere 10:11-24 Ibhayibhile (XHO96)

11. Wonke umbingeleli uma mihla le ephinda-phinda enikela amadini angenako ukuzisusa izono.

12. Kodwa uKrestu yena wenze umnikelo wamnye qha ngenxa yezono, waza waya kuhlala kwiwonga alinikwe nguThixo.

13. Ngoku ke ulinde khona ukuba ade uThixo amoyisele iintshaba zakhe.

14. Kaloku yena ubenze bahlala besulungekile ngomnikelo omnye qha abo banyuliweyo.

15. UMoya oyiNgcwele ungqina athi kuqala:

16. “ ‘Nangu umnqophiso endiya kuwenza nabo emva kwaloo mihla,’ itsho iNkosi:‘Ndiya kuyifaka ezintliziyweni zabo imithetho yam,ndiyishicilele ezingqondweni zabo imiyalelo yam.’ ”

17. “Uphinda athi:“Izono zabo, ngokunjalo nenkohlakalo yabo, ndiya kuyilibala.”

18. Zakuba zixolelwe ke izono akusafuneki minikelo ngenxa yazo.

19. Ngoko ke, mawethu, igazi likaYesu lisikhulule ukuze singene kweyona ndawo ingcwele singenaloyiko.

20. Le ndlela asivulele yona intsha, futhi iyaphila, ihamba iphumele ngaphaya kwekhuselo, ndithetha umzimba wakhe.

21. Ngaphezu koko ke sinombingeleli omkhulu owongamele indlu kaThixo.

22. Ngoko ke masisondele sinyanisekile kuThixo, siqinisekile ngokholo, izazela zethu ezinobutyala zihlanjululwe, ngokunjalo nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi amsulwa.

23. Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.

24. Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle.

funda isahluko epheleleyo Kumahebhere 10