Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 4:7-11 Ibhayibhile (XHO96)

7. Isilwanyana sokuqala sasifana nengonyama. Esesibini sasinjengenkomo. Esesithathu sasifana nomntu, esesine sinjengokhozi luphaphazela.

8. Isilwanyana ngasinye sasinamaphiko amathandathu, sinamehlo ngapha nangapha. Zazidumisa zingayeki emini nasebusuku, zisithi:“Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele,Nkosi Thixo Somandla,wena ubukade ukho,wena ukhoyo, uya kuhlala ukho!”

9. Lo gama izilwanyana ezine zibongayo, zidumisa, zibulela kulowo unguSonini-nanini uhleli esihlalweni sokulawula,

10. wona amadoda amakhulu angamashumi amabini anesine ayekhahlela, enqula kulowo uhleli esihlalweni, unguSonini-nanini. Ayedanduluka, atsho azibeke nezithsaba zawo phambi kwengangalala, athi:

11. “Ufanelwe, Nkosi, Thixo, ngumbongo;imbeko negunya zezakho!Kaloku iinto zonke zadalwa nguwe;zabakho, zanobomi ngokuthanda kwakho.”

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 4