kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22

Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 4 Ibhayibhile (XHO96)

Umbono wezulu

1. Emva koko ndabona izulu livulekile phambi kwam. Ndeva eliya lizwi bendilive lithetha nam, lihlokoma okwexilongo lisithi kum: “Yiza ngapha ndikubonise izinto ezimelwe kukwenzeka emva kwezi.”

2. Ngoko nangoko ndaba semandleni kaMoya. Ndabona apho ezulwini kukho isihlalo sobukhosi.

3. Kwakuhleli kuso ingangalala ekhazimla okwamatye exabiso, akudidi loozidayimani ngokumenyezela, ekuthiwa yijaspa nekorneli ukubizwa kwawo. Isihlalo eso sasinesangqa somnyama owawubengezela nawo oku kwelitye lexabiso eliluhlaza ekuthiwa yiemeraldi ukubizwa kwalo.

4. Kwakukho nezinye izihlalo zithe thande, zingqonge isihlalo sobukhosi, zingamashumi mabini anesine; kukho namadoda amakhulu angamashumi mabini anesine awayethe nqwadalala kwezo zihlalo. Ayethe wambu ezimhlophe iingubo, ethwele izithsaba zegolide.

5. Apho esihlalweni sobukhosi kwakutshawuza imibane, kugragrama iindudumo. Kwakukho nezibane ezisixhenxe ezivuthayo phambi kwaso, ezingooMoya abasixhenxe bakaThixo.

6. Kwakukho nento eyayingathi lulwandle lweglasi, ithe thebelele apho ngasesihlalweni, icwenge ngathi ngumkhenkce.Esazulwini apho, kanye ngasesihlalweni, kwakuhleli izilwanyana ezine zinamehlo macala onke, zingqonge isihlalo eso kanye.

7. Isilwanyana sokuqala sasifana nengonyama. Esesibini sasinjengenkomo. Esesithathu sasifana nomntu, esesine sinjengokhozi luphaphazela.

8. Isilwanyana ngasinye sasinamaphiko amathandathu, sinamehlo ngapha nangapha. Zazidumisa zingayeki emini nasebusuku, zisithi:“Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele,Nkosi Thixo Somandla,wena ubukade ukho,wena ukhoyo, uya kuhlala ukho!”

9. Lo gama izilwanyana ezine zibongayo, zidumisa, zibulela kulowo unguSonini-nanini uhleli esihlalweni sokulawula,

10. wona amadoda amakhulu angamashumi amabini anesine ayekhahlela, enqula kulowo uhleli esihlalweni, unguSonini-nanini. Ayedanduluka, atsho azibeke nezithsaba zawo phambi kwengangalala, athi:

11. “Ufanelwe, Nkosi, Thixo, ngumbongo;imbeko negunya zezakho!Kaloku iinto zonke zadalwa nguwe;zabakho, zanobomi ngokuthanda kwakho.”