kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22

Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 15 Ibhayibhile (XHO96)

Ingoma yabakhululekileyo

1. Ndiphinde ndabona umqondiso ocacileyo nomangalisayo esibhakabhakeni. Izithunywa ezisixhenxe zezisa ezokugqibela izibetho ezisixhenxe. Kaloku yayiza kufezekiswa ngazo ingqumbo kaThixo.

2. Kwaba ngathi ndibona ulwandle olusabuglasi, luxutywe nomlilo. Kwakumi ngakulo abo babequbisene nerhamncwa baza boyisa, baphikisana nomfanekiso walo, ngokunjalo nenani legama lalo. Bonke babephethe iihapu,

3. bevuma ingoma kaMosis isicaka sikaThixo neXhwane, besithi:“Mikhulu iyamangalisa imisebenzi yakho,Nkosi, Thixo Somandla!Zilungile, ziyinyaniso iindlela zakho,Kumkani weentlanga zonke!

4. Ngubani obengenakunkwantya aze akubonge wena, Nkosi?Kaloku nguwe wedwa oyingcwele.Zonke iintlanga ziya kunqula ziqubude kuwe,kuba izigqibo zakho ezilungileyo zicacile kubo bonke.”

Izithunywa nezibetho zokugqibela

5. Emva koko ndabona ingcwele yeengcwele, isibingelelo ahlala kuso uThixo, sivuleka ezulwini.

6. Kwaphuma kuso izithunywa ezisixhenxe zezibetho ezisixhenxe, zivathe ezimhlophe zelinen, zibhinqe ngeebhanti zegolide.

7. Esinye sezilwanyana ezine sazinika izithunywa ezisixhenxe izitya zegolide ezalatha ukuba yayiseligcwel' ibhekile yingqumbo kaThixo ohlal' ehleli.

8. *Indlu kaThixo yayiqhuma ilitsili ngumsi wesihomo namandla kaThixo. Akuzange kubekho mntu waba nakungena, zada zaba zigqithile izibetho ezisixhenxe zezithunywa ezisixhenxe.