Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 19:14-21 Ibhayibhile (XHO96)

14. Wayelandelwa yimikhosi yasezulwini, ikhwele amahashe amhlophe, yambethe iingubo ezimhlophe eziqaqambileyo zelinen.

15. Kwaphuma ikrele elibukhali emlonyeni wakhe. Wayeza kuxabela iintlanga ngalo, azifake phantsi kolawulo olungqongqo. Yena wozikhama iinkani ngesohlwayo sengqumbo kaThixo uSomandla.

16. Engubeni yakhe nasethangeni kwakukho umbhalo othi: “IKumkani yeekumkani neNkosi yeenkosi.”

17. Ndabona isithunywa simi elangeni. Sazikhwaza zonke iintaka ezazibhabha esibhakabhakeni, sathi: “Qokelelanani nize kwisidlo esenziwe nguThixo.

18. Yizani nitye inyama yeekumkani neengqwayi-ngqwayi, eyamajoni amahashe nabo bawakhweleyo, eyabantu bonke: amakhoboka nabakhululekileyo, abakhulu nabaphantsi.”

19. Ndalibona irhamncwa neekumkani zehlabathi nemikhosi yazo zixhontelene. Zazize kuqubisana nalowo ukhwele ihashe elimhlophe, kunye nomkhosi wakhe.

20. Lathinjwa irhamncwa, ngokunjalo *nomshumayeli oxokayo obefudula esenza imilingo phambi kwalo. (Wabalahlekisa ngemilingo abo babenophawu lwerhamncwa, benqula umfanekiso walo.) Elo rhamncwa ndawonye nomshumayeli oxokayo baphoswa edikeni lomlilo ovutha yisalfa besahleli.

21. Imikhosi yabo yabulawa ngekrele elaliphuma emlonyeni walowo wayekhwele ihashe. Iintaka zonke zazitsho zabomvu izisu yinyama.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 19