Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 4:4-14 Ibhayibhile (XHO96)

4. Bona àbakholwa kaloku, kuba ingqiqo yabo yenziwe mfiliba sisigqubuthelo abasifakwe ngulo uzenza uthixo weli phakade. Silisithile kaloku esi sigqubuthelo ilitha lokukhanya kweendaba ezimnandi ezivakalisa isidima sikaKrestu, ongumceph' ucandiwe noThixo.

5. Kakade asishumayeli thina ziqu; sishumayela ukuba uKrestu yiNkosi; thina ke sizizicaka zenu ngenxa yakhe.

6. UThixo owathi: “Makuvele ukukhanya ebumnyameni,” usekwanguye okhanyisela iingqondo zethu, etyhila ukwaziwa kobume bakhe obubonakala kuKrestu siqu.

7. Kambe ke obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze kucace ukuba amandla ancamisayo ngakaThixo, akangowethu.

8. Ke, sithi sisezimbandezelweni zingasixini noko; sithingaze maxa wambi, kodwa singancami;

9. singqingwe ziintshaba, kodwa asize singabi namhlobo; sintlithwa kanobom, singafi noko.

10. Lonke ixesha sisoloko sithwele ukufa kukaYesu, ukuze ubomi bakhe bubonakale kuthi ziqu.

11. Ewe, ngalo lonke ixesha sisoloko sisesichengeni sokufa ngenxa kaYesu, khon' ukuze ukudla kwakhe ubomi kubonakale ngathi bantu bafayo.

12. Ngoko ke, kuthi kusebenza ukufa, kodwa kuni kusebenza ubomi.

13. *IziBhalo zithi: “Ndathetha kuba ndandithembele kuThixo.” Nathi ke kwangaloo ndlela, sithetha kuba sithembele kuThixo.

14. Kaloku siyazi ukuba uThixo owayivusayo iNkosi uYesu ekufeni, nathi uya kusivusa kunye noYesu, asise apho akhoyo, kunye nani.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 4