8. Ndiyanibongoza, loo mntu mboniseni ukuba nimthanda ngenene.
9. Ndanibhalela laa leta kanye ngenxa yesi sizathu: ndandifuna ukunivavanya, ndiqonde ukuba niza kusithobela na isiyalo sam.
10. Xa sukuba nixolela umntu ngokona kwakhe, nam ndiyamxolela. Kuba mna xa ndixolela – apho sukuba kukho ndawo ndixolela umntu ngayo – ndenjenjalo ngenxa yenu egameni likaKrestu.