Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 11:21-32 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ndineentloni ukuyivuma loo nto; kambe mna ndaba ligwala!Kodwa ke ukuba kukho bani onobuganga bokuqhayisa – ndivakala njengesidenge – nam ndiya kuba nobuganga obukwanjalo.

22. Ngaba bangamaHebhere na? Nam ndinguye. BangamaSirayeli? Nam ndinguye. Ngaba bayinzala ka-Abraham na? Nam ndiyiyo.

23. Bazizicaka zikaKrestu na? – Ndivakala njengegeza – Nam ndisiso, nangaphezulu! Ndisebenze nzima ngokungaphezulu, ndivalelwe kaninzi entolongweni, ndikatswe kaninzi, ndilikrobe kaninzi ingcwaba.

24. Kukahlanu ndikatswa imivumbo engamashumi amathathu anethoba ngamaJuda.

25. Ndikatswe izihlandlo ezithathu ngamaRoma, futhi ndakha ndaxulutywa ngamatye. Kukathathu ndiqhekekelwa yinqanawa elwandle; ndakha ndachitha ubusuku nemini enzonzobileni yamanzi.

26. Ndaba soloko ndiseluhambeni; ndibe sezingozini emilanjeni, iingozi kwizihange, iingozi kumawethu, iingozi kwabasemzini, iingozi ezidolophini, iingozi emaphandleni, iingozi elwandle, iingozi nakwabanga bazizihlobo.

27. Ndaba soloko ndisebenza nzima, ndibulaleka; ndaba soloko ndingalali; ndilamba, ndinxanwa; ndaba soloko ndiswele ukutya okwaneleyo, indawo yokuhlala, nempahla yokunxiba.

28. Ndingasazibaluli ke ezinye izinto, ndinoxanduva endisoloko ndinalo mihla le: ixhala lokuzondelela inkqubela kuwo onke amabandla.

29. Xa kukho obuthathaka, nam ndiba buthathaka; ukuba kukho owe esonweni, ndiyakhathazeka.

30. Xa kuyimfuneko ukuba ndiqhayise, ndiya kuqhayisa ngezo zinto zibonakalisa ubuthathaka bam.

31. UThixo uYise weNkosi uYesu – malidunyiswe igama lakhe njalo-njalo – uyazi ukuba andixoki.

32. Xa ndandiseDamasko irhuluneli ephantsi kokumkani uAreta yabeka abalindi emasangweni edolophu ukuze bandibambe.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 11