Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 11:13-30 Ibhayibhile (XHO96)

13. Loo madoda ayingobathunywa – angoosinga-bathunywa; azithethelela ngobuqhetseba, azenze akhangeleke ngathi angabathunywa bakaKrestu ngenene.

14. Ayimangalisi loo nto, kuba noSathana ngokwakhe uzenza akhangeleke ngathi sisithunywa sokukhanya.

15. Ngoko ke yinto elula ukuba izicaka zakhe zizenze zikhangeleke njengezicaka zikaThixo. Kodwa ke baya kuvuna loo nto bayihlwayeleyo.

16. Kwakhona ndithi makungabikho bani uba ndisisidenge. Kodwa ukuba nithi ndisisidenge, ze nindinyamezele ke njengesidenge, oku kokuba ndifumane ithutyana lokuqhayisa.

17. Ngenene le nto ndiyithethayo ngoku andiyithunywanga yiNkosi. Kulo mbandela wokuqhayisa ndithetha njengesidenge mpela.

18. Kodwa ke ngenxa yokuba bebaninzi kangaka nje abaqhayisa ngamabakala eli hlabathi, nam ndiya kwenjenjalo.

19. Nakuba nina nilumke kangaka nje niyakuthakazelela kodwa ukunyamezela izidenge!

20. Ninyamezela nabani na onivuyelelayo, okanye onixhaphazayo, okanye ozanyiselelayo, okanye onijongele phantsi, okanye oniqhwabayo.

21. Ndineentloni ukuyivuma loo nto; kambe mna ndaba ligwala!Kodwa ke ukuba kukho bani onobuganga bokuqhayisa – ndivakala njengesidenge – nam ndiya kuba nobuganga obukwanjalo.

22. Ngaba bangamaHebhere na? Nam ndinguye. BangamaSirayeli? Nam ndinguye. Ngaba bayinzala ka-Abraham na? Nam ndiyiyo.

23. Bazizicaka zikaKrestu na? – Ndivakala njengegeza – Nam ndisiso, nangaphezulu! Ndisebenze nzima ngokungaphezulu, ndivalelwe kaninzi entolongweni, ndikatswe kaninzi, ndilikrobe kaninzi ingcwaba.

24. Kukahlanu ndikatswa imivumbo engamashumi amathathu anethoba ngamaJuda.

25. Ndikatswe izihlandlo ezithathu ngamaRoma, futhi ndakha ndaxulutywa ngamatye. Kukathathu ndiqhekekelwa yinqanawa elwandle; ndakha ndachitha ubusuku nemini enzonzobileni yamanzi.

26. Ndaba soloko ndiseluhambeni; ndibe sezingozini emilanjeni, iingozi kwizihange, iingozi kumawethu, iingozi kwabasemzini, iingozi ezidolophini, iingozi emaphandleni, iingozi elwandle, iingozi nakwabanga bazizihlobo.

27. Ndaba soloko ndisebenza nzima, ndibulaleka; ndaba soloko ndingalali; ndilamba, ndinxanwa; ndaba soloko ndiswele ukutya okwaneleyo, indawo yokuhlala, nempahla yokunxiba.

28. Ndingasazibaluli ke ezinye izinto, ndinoxanduva endisoloko ndinalo mihla le: ixhala lokuzondelela inkqubela kuwo onke amabandla.

29. Xa kukho obuthathaka, nam ndiba buthathaka; ukuba kukho owe esonweni, ndiyakhathazeka.

30. Xa kuyimfuneko ukuba ndiqhayise, ndiya kuqhayisa ngezo zinto zibonakalisa ubuthathaka bam.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 11