Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 2:2-15 Ibhayibhile (XHO96)

2. Emva kokuphathwa gadalala sinyeliswa nokunyeliswa eFilipi seza kuluphalaza kuni udaba lweendaba ezimnandi zikaThixo, singafihlisi, singenalo noloyiko, siphiwa amandla nguThixo wethu. Yaba ngumzamo onzimakazi lowo.

3. Ewe kambe, ukushumayela kwam akuzanga kusekelwe ngabuxoki, kungazanga kwaba nazinjongo ziphuthileyo, ndaye ndingazanga ndalinga nakukhohlisa bani.

4. Koko ndityunjwe nguThixo nje, ndakufanela nokuphathiswa iindaba ezimnandi, ndisuka ndithethe ngezinto eziphathelele kwezo ndaba. Andizicengezeli mntwini, ndizicengezela kuThixo kuphela, yena ohleli ezazi iingcinga zethu.

5. Niyazi kakuhle ukuba bendingankwalambisi ukuthetha nani. UThixo uyazi ukuba ukunyoluka bendingakwambesi ngentetho emnandi.

6. Bendingakuhoye nganto ukudunyiswa ngabantu, nditsho nani, nabani na.

7. Bendinako kambe ukunisinda ngesithinzi kuba *ndingumthunywa kaKrestu ngenkqu, koko ndisuke ndambuna kuni, ndaba yindlezana ibungezela iintsana zayo.

8. Bendinithanda kangangokuba andanelanga nje kukunishumayeza ngeendaba ezimnandi zikaThixo, koko ndazinikela mna siqu ngenxa yenu. Bendinithanda ke khona!

9. Khanikhumbule, mawethu, indlela ebesisebenza nzima ngayo sibulaleka. Besisebenza ubusuku nemini, sisebenzela ukuzixhasa, size singabi ngomthwalo mntwini, lo gama sinishumayezayo ngeendaba ezimnandi zikaThixo.

10. Niyangqina nani, nditsho noThixo ngenkqu ulingqina ngendlela ebendihlala ngayo ndikholekile, ndililungisa, ndingabekwa bala phakathi kwenu makholwa.

11. Niyazi ukuba bendinjengoyihlo kuni nonke ngabanye.

12. Bendinithundeza nakutyhafa, ndiniluleka, ndiniyala ukuba nihlale ngendlela emanelisayo uThixo onibizela ewongeni kulawulo lwakhe.

13. Nasi esinye isizathu esibanga ukuba ndingaphezi ukumbulela uThixo: nathi sakuba siniphathele udaba lukaThixo, nalwamkela. Analwamkela ngokodaba nje lwabantu, koko nalwamkela njengoko lunjalo, lulilizwi likaThixo elisebenzayo kuni nina nikholwayo.

14. Nani mawethu, niphatheke ngohlobo awayephatheke ngalo amabandla akwaJuda, abantu bakaThixo abamanywe noYesu Krestu. Nani nitshutshiswa ngamawenu kanye ngalaa ndlela bona babetshutshiswa ngayo ngamaJuda,

15. lawo ayibulalayo iNkosi uYesu *nabashumayeli, nathi ngokwethu asigxotha. Lawo ke ngamaJuda angayikhathalelanga intando kaThixo, aziintshaba zoluntu.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 2