Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 2:14-20 Ibhayibhile (XHO96)

14. Nani mawethu, niphatheke ngohlobo awayephatheke ngalo amabandla akwaJuda, abantu bakaThixo abamanywe noYesu Krestu. Nani nitshutshiswa ngamawenu kanye ngalaa ndlela bona babetshutshiswa ngayo ngamaJuda,

15. lawo ayibulalayo iNkosi uYesu *nabashumayeli, nathi ngokwethu asigxotha. Lawo ke ngamaJuda angayikhathalelanga intando kaThixo, aziintshaba zoluntu.

16. Nathi asithintela, engafuni sithethe neentlanga sizikhokelele elusindisweni. Ngokwenjenje ke ayizalisile ibhekile yezono zawo. Kungokunje ingqumbo kaThixo iphezu kwawo.

17. Thina ke, mawethu, sithe sakuba sahlukene nani okomzuzwana – phofu ngembonakalo, hayi ngeentliziyo – sanxuba sinqwenela ukuphinda sinibone.

18. Sazama ukuza apho eTesalonika – ewe, kanye mna Pawulos akukanye ndizama – kodwa uSathana uxabile endleleni.

19. Kaloku ekubuyeni kweNkosi yethu uYesu, xa simi phambi kwayo, asinathemba naluvuyo naqhayiya ngaphandle kwenu!

20. Ewe, ngenene nini nedwa ibhongo novuyo lwethu!

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 2