Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 1:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ndiyambulela uKrestu Yesu iNkosi yam, ngokundinika amandla okuwenza umsebenzi wam. Ndiyambulela kuba endibone ndifanelekile ukuba ndimiselwe ukumsebenzela.

13. Undalathile nangona ndandimngcikiva, ndimtshutshisa, ndimthuka. UThixo waba nenceba kum, kuba ndandingakholwa; ngoko ke ndandingayazi into endiyenzayo.

14. Ngesisa sayo iNkosi yandibabala, yandipha ukholo nothando, esizifumana ngokumanywa noKrestu Yesu.

15. Nanga amazwi athembekileyo, afanele ukwamkelwa: UKrestu Yesu weza emhlabeni ukuze asindise aboni; ndingobalaseleyo ke mna.

16. Kodwa kungenxa yesi sizathu kanye ukuba uThixo andenzele inceba, ukuze umonde kaKrestu Yesu ubonakale ngokupheleleyo ngam. Undibizile, nangona ndingobalaseleyo nje umoni, ukuze ndibe ngumzekelo kubo bonke abasaza kukholwa kuye bafumane obona bomi bungenasiphelo.

17. Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! *Amen.

18. Lo myalelo ndiwunika wena, Timoti, nyana wam, ngokwamazwi awodwa âvela kuThixo ethethwa ngawe mandulo. Ngoko ke loo mazwi makabe sisixhobo sakho edabini,

19. uxhobe ngokholo nangesazela esihlambulukileyo. Ngokudela isazela, abanye abantu balutyumza okweselwa elinamasi ukholo lwabo.

20. Phakathi kwabo ndingabalula uHimeniyo noAlesandire, esendide ndabanikela kuSathana, ukuze baqeqeshwe bakuyeke ukunyelisa.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 1