Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 1:4-7 Ibhayibhile (XHO96)

4. Le ncwadi ke ndinibhalela ukuze sonwabe ngokupheleleyo sonke.

5. Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.

6. Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.

7. Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 1