kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5

Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 1 Ibhayibhile (XHO96)

ULizwi uSobomi

1. Ndibhala ndinibalisela ngoLizwi uSobomi, owayekho kwasekuqaleni. Sasithetha naye, simbona ngamehlo, simbukela, sigudlana naye ngamacala.

2. Uthe akuvela sambona. Yiyo ke le nto ndinibaliselayo ngaye, ndinixelela ngaye uSobomi owayehleli ekho kunye noYise kwasekuqaleni, node wabonakala nakuthi.

3. Nani ke sinixelela ngesimbonileyo, sathetha naye, khon' ukuze nani nibuxhamle nathi ubudlelane esinabo kunye noYise noNyana wakhe uYesu Krestu.

4. Le ncwadi ke ndinibhalela ukuze sonwabe ngokupheleleyo sonke.

UThixo ukukukhanya

5. Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.

6. Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.

7. Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.

8. Xa sithi asinasono siyazikhohlisa, asinanyani mpela.

9. Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.

10. Kanti xa sithi asizange sone, simenza ixoki uThixo, yaye nelizwi lakhe alikho kuthi.