Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 1:7-14 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ezo ntlupheko zicikida ukholo lwenu, lucace into oluyiyo. Negolide le iyinto etshabalalayo, iyacikidwa ngomlilo. Nalo ke ukholo lwenu oluxabiseke ngaphezu kwegolide lumelwe kukucikidwa, ukuze nibe nodumo, kwakunye newonga nesidima ngemini yokufika kukaYesu Krestu.

8. Anikamboni nokumbona, kodwa niyamthanda. Niyakholwa nokukholwa kuye, naxa ningekamboni nje. Senizele naluchulumacho olungenakuchazwa,

9. kuba seniyibona injongo yokholo lwenu; ndixela inkululeko yenu.

10. Yile nkululeko kanye le babephengulula beyiphanda kunene *abashumayeli bamandulo.

11. Babethetha ngesisa eniya kusenzelwa nguThixo. Babezama ukuphonononga ukuba zaziya kuhla nini na, njani na, ezo zigigaba. Kaloku uMoya kaKrestu wabatyhilela intlungu eyayiza kuhlela uKrestu ngeli thuba, newonga awayeza kulixhamla.

12. Batyhilelwa ukuba ezo ndaba babezithetha ngezinto ngezinto, yayingezozabo, yayizezenu. Ezo ndaba ke zezi nizixelelwa ngabo bazivakalisayo kuni ngoku iindaba ezimnandi ngamandla kaMoya oyiNgcwele owavela ezulwini. Nditsho nkqu nezithunywa zezulu ziyakunqwenela ukuziqonda ezo zinto.

13. Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo, ningathembi nanye into ngaphandle kwesisa seentsikelelo eziza kuza noYesu ukufika kwakhe.

14. Ziqheliseni ukululama, ningaziphathi ngendlela ebeniziphethe ngayo ngokuya beningekazi nto ngokholo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 1