Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 13:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ngaloo mini indlu kaDavide nabemi baseJerusalem bovulelwa umthombo wokuhlambulula isono nokungcola.

2. “Ngaloo mini ndowasusa amagama ezithixo elizweni, angabi sakhunjulwa mpela,” utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Ndiya kubasusa elizweni abashumayeli ndawonye nomoya ongcolileyo.

3. Kothi ke, xa kukho nabani na osashumayelayo, uyise nonina abo bamzeleyo bothi kuye: ‘Ufanelwe kukufa, kuba uthetha ubuxoki egameni likaNdikhoyo.’ Ukuba ùthe washumayela ke wogwazwa ngunina noyise abamzeleyo.

4. “Ngaloo mini *umshumayeli ngamnye woba neentloni ngombono wakhe xa ashumayelayo, angabi sayambatha ingubo yoboya ekhohlisa abantu.

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 13