Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 8:13-25 Ibhayibhile (XHO96)

13. Amiswa ngeendawo zawo ke loo madoda, elungele idabi, iintente zawo zimi ngasemantla esixeko, amanye amadoda ezifihlile ngasentshonalanga. Ngobo busuku uYoshuwa wangena kuloo ntili.

14. Akabanga saphozisa maseko ukumkani waseAyi akuwubona ekuseni umkhosi kaYoshuwa. Wesuka kwangoko, wawuhlangabeza kunye namadoda akhe kuloo ntili ikhangelene nentlango, engaqondi phofu ukuba kukho amadoda alaleleyo ngaphaya kwesixeko.

15. UYoshuwa namadoda omkhosi wakhe yena wanga uyabaleka, wabheka ngasentlango.

16. Kwahlatywa umkhosi, aphuma onke amadoda aseAyi, awusukela umkhosi kaYoshuwa. Lo gama asukelayo wawuya usithi tyishi umgama ophakathi kwawo nesixeko.

17. Akwasala nanye indoda eBhetele naseAyi engawasukelanga amaSirayeli, yaza iAyi yasala ingenabani wakuyikhusela.

18. UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Khomba eAyi ngomkhonto wakho, kuba ndiyinikezela kuwe loo dolophu.” Wenjenjalo uYoshuwa.

19. Uthe nje akusiphakamisa isandla, laa mkhosi wakhe wawuzimela wesuka iindulumbane wangena esixekweni, wasintumeka umlilo.

20. Athe akubheka amadoda aseAyi abona kufunquza intshinyela yomsi ngasesibhakabhakeni. Akazange abe nakubalekela ndawo, kuba amaSirayeli awayezenza ngathi ayabaleka ajika angena kuwo.

21. Kaloku wathi uYoshuwa neqela lakhe bakuqonda ukuba isixeko sithinjiwe liqela elalizimele, yaye sasisele silidangatye ngumlilo, bajika bawahlasela amadoda aseAyi.

22. AmaSirayeli awayethimbe isixeko afika aza kunceda edabini. Aba ke amadoda aseAyi angqingwe macal' onke ngamaSirayeli, abulawa onke. Akubangakho mntu usindayo, kungazange kuphuncule bani,

23. ngaphandle kokumkani waseAyi yedwa. Kanti ke naye wabanjwa wasiwa kuYoshuwa.

24. AmaSirayeli, akuba ewabulele onke loo madoda ayeleqwe ngawo emasimini nasentlango, abuyela kwaseAyi, afika abulala yonke into engumntu apho.

25. Ngaloo mini kwabulawa yonke into engumntu eAyi, kwafa ishumi elinambini lamawaka lamadoda nabafazi.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 8