Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 7:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. UYoshuwa kunye namadoda amakhulu bazikrazula izambatho zabo, bazikhahlela phantsi ngaphambi kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bahlala benjenjalo kwada kwahlwa. Babezigalele nangothuli entloko, bebonakalisa intlungu ababenayo.

7. UYoshuwa wakhala wathi: “Ndikhoyo, Mhlekazi, wawusiwezela ntoni ke kambe eJordan? Wawufuna ukuza kusitshabalalisa ngala ma-Amori? Akwaba sasisuke sahlala ngaphesheya kweJordan kwaba kanye!

8. Ndikhoyo, ndiza kuthini ngoku esuke aswantsuliswa nje amaSirayeli ziintshaba zawo?

9. Akuyiva le nto amaKanana kunye nabemi beli lizwe, baza kuza bonke, basicime igama. Ke wena, uza kuthini ngegama lakho elidume kangaka?”

10. Wathi kuYoshuwa uNdikhoyo: “Yoshuwa, vuka; uqubudele ntoni kuloo ndawo?

11. AmaSirayeli enze isono! Awaphule umnqophiso wam, awugqitha umyalelo ebendiwanike wona, athatha ezinye izinto kwebekufuneka zitshatyalaliswe mpela. Azibile, aza axoka nokuxoka, azifihla phakathi kwezinto zawo.

12. Yiyo ke loo nto engenakumelana notshaba nje amaSirayeli. Ebaleka nje kungenxa yokuba nawo emelwe kukutshabalala! Andikubuya ndibe phakathi kwenu nide nibe nizitshabalalisile izinto ebekufuneka zitshatyalaliswe.

13. “Phakama ke, ubahlambulule abantu. Yithi kubo mabazihlambulule ngenxa yokuya kwenzeka ngomso, kuba mna Ndikhoyo, Thixo wamaSirayeli, ndithi kubo: ‘Phakathi kwenu kukho oko bekumelwe kukunikelwa kum ngokutshatyalaliswa. Anisoze nibe nakumelana notshaba de nahlukane nezo zinto.’

14. “Baxelele ke ukuba ngomso kusasa baza kubizwa ngokwezizwe zabo. Eso sizwe salathiweyo nguNdikhoyo kufuneka size ngaphambili ngokwezindlu zaso, ize indlu eyalathiweyo ize ngaphambili ngokomzi, kuze kumzi owalathiweyo kuphume indoda nganye.

15. Loo ndoda ke yalathiweyo kwaza kwafunyanwa kuyo ezo zinto kufuneka zitshatyalalisiwe, yotshiswa kunye nako konke okukokwayo. Kaloku iwaphule umnqophiso kaNdikhoyo, yenza ubuyatha kwaSirayeli.”

16. Kwangentsasa ngengomso uYoshuwa wawabiza amaSirayeli, izizwe ngezizwe. Isizwe sakwaJuda salathwa nguNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 7